Isicatshulwa sesiNgesi esisayinwe nguMongameli olibambela
Imimiselo ephantsi kwalo Mthetho.
IMIMISELO EPHANTSI KOMTHETHO WE-15 KA-1997 WEZINTO EZIPHILAYO EZINAKHO UKUGUQULWA YIMVELO
UMTHETHO
Kukunika imilinganiselo yokuxhasa ukukhula kwentembeko, isiveliso, ukusetyenziswa nokubekeleleka kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo; kukuqinisekisa ukuba yonke imisebenzi ebandakanya ukusetyenziswa kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo ( ezibandakanya ungeniso lwempahla elizweni, ukuvelisa, ukukhulula nolwabiwo) eziya kwenziwa ngohlobo lokuba lunyine iziphumo zezinto ezenzakalisayo kokusingqongileyo; ukuthathela ingqalelo ekukhuseleni iingozi nolawulo olu lulo lenkcitho; ukuzinzisa imilinganiselo eqhelekileyo ekuxabiseni nasekunciphiseni iingozi ezivelayo ezingakho kuloo misebenzi ibandakanya ukusetyenziswa kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo; ukubeka phantsi iimfuno ezifunekayo neziyingqobo kuhlolo lweengozi; ukuzinzisa ibhunga lezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo; ukuqinisekisa ukuba izinto eziphilayo zinakho ukuguqulwa yimvelo zifanelekile kwaye aziniki ngozi kokusingqongileyo; kwakhona ukuqinisekisa ngeenkqubo ezifanelekileyo ukwazisa ngemisebenzi eyodwa ebandakanya ukusetyenziswa kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo; nokunikezala ngezinto ezihlangana nazo apho.
a 15y1997s11 Iinkcazelo
Kulo Mthetho, ngaphandleni kokuba isicatshulwa sibonisa enye into-
ingozi.'ithetha ukuba, nasiphi na isehlo esibandakanya ukukhululwa ngokubanzi kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo ngokungakhathaliyo zinokuba nakho ukubhidana ngokukhawuleza okanye ukulibaziseka kokusingqongileyo;
ibhodi yesibheno,' ithetha ibhodi yesibheno etyunjwe ngokwecandelo 19;
umceli,' uthetha ukuba nawuphi na umntu olawula amancedo nemisebenzi ebandakanya izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo afake 'umsebenzi;'
iKomiti,'ithetha iKomiti eCebisayo ezinziswe licandelo 10;
usetyenziso olugciniweyo' luthetha ukuba nawuphi na umsebenzi apho into ephilayo iguqulwe yimvelo okanye apho ezi zinto ziphilayo ziguqulwa yimvelo zinakho ukuphuculwa, zigcinwe, zisetyenziswe, zithuthwe, zitshatyalaliswe okanye zilahlwe ngaphandle nalapho izithintelo ezibonakalayo okanye izithintelo ezibonakalayo zidityaniswe namachiza okanye izithintelo zebhayoloji okanye zombini zisetyenziswe ukunqanda ukuba zingadibani nokusingqongileyo;
ulawulo' luthetha ukuphonononga, ukulawula, ukuphumelelisa okanye ukulawula nawuphi na umsebenzi kulawulo lobulungisa emntwini;
iBhunga ' lithetha isiGqeba seBhunga sezinto eziphilayo eziguqulwa yimvelo ezinziswe kwicandelo 3;
isebe' lithetha iSebe lezoLimo;
uMlawuli- Jikelele' uthetha uMlawuli- Jikelele: weSebe lezoLimo;
okusingqongileyo' kuthetha ukuqukaniswa kwezinto ezisijikelezileyo, iimeko neempembelelo eziphembelela ubomi nemikhwa yomntu okanye nayiphi na into ephilayo okanye ingqokelela yezinto eziphilayo;
unikezelo olungephi' luthetha intshayelelo yezinto eziphilayo eziguqulwayo yimvelo zibe kokusingqongileyo nakanjanina, apho izinto eziphilayo zingasagcinwa nasisiphina isixokelelwano sezithintelo kwaye futhi zingasekho phantsi kolawulo lakhe nawuphi na umntu, ukwenzela ukuba into ephilayo ingathandi ukuba iphinde isasazwe;
unyango lwento efumaneka eselini ezilawula imo' ithetha ubuchule bokuhambisa izinto ezisebenzayo ezifunyanwa kwiseli elawula imo (ukususa eziphambukayo) kwiseli eziphilayo ngokomlinganiselo wokuziguqula ngemvelo okanye ngeendlela ezibonakalayo ukwenzela ziguqule iiseli eziphilayo zemvelo;
into ephilayo eguqulwe yimvelo' ithetha into ephilayo enento efunyanwa kwiseli elawula imo okanye izixhobo zemvelo ezithe zaguqulwa ngohlobo lokuba ayenzeki ngokulalana endalweni okanye ngokuphinda zihlangane ngokusendalweni okanye zizombini, 'uguqulo lwemvelo' kuba nentsingiselo ehambisana nayo;
ingozi' ithetha imvelo yebhayoloji, amachiza okanye uphawu olubonakalayo lwento ephilayo eguqulwe yimvelo enokukhokelela kungqubano olungalunganga kokusingqongileyo.
umhloli' uthetha nawuphi na umntu owonyuliweyo njengomhloli ngokwecandelo 15;
uMphathiswa' uthetha uMphathiswa wezoLimo;
ukongamela' kuthetha ukugcinwa kokusoloko ucupha ngaphezulu, ukhangela, ungxolisa ngoko okanye urekhodisha intlalo okanye inkqubo;
isaziso' sithetha ukubonisa eBhungeni amaxwebhu abhaliweyo anolwazi olufunwa liBhunga;
umphathi ofisi' uthetha umphathi ofisi njengoko echaziwe kwicandelo 11 loMthetho weNkonzo zoluNtu ka-1994 isiBhengezo 103 sika -1994, lifunde necandelo 1 loMthetho wesiLungiso seNkonzo zoluNtu, sika-1996 uMthetho 13 ka-1996;
into ephilayo' ithetha ibhayoloji ekhoyo, iselula okanye iselula engeyiyo, enakho ukuguqula ukutya emzimbeni, umfanekiso, ukufanekisela okanye ukutshintshisela izixhobo zemvelo ubandakanye impilana;
imvume' ithetha imvume ebhekiselele kwicandelo 5(a) nebandakanya igunya elibhaliweyo;
umntu ogcina iincwadi zerejista' uthetha umntu owonyulwe phantsi kwecandelo 8;
ummiselo' uthetha ukumisela ngokommiselo;
ukuzifaka engozini' kuthetha ukuba nethemba lokwenza okanye ukuzenzela ilahleko okanye umonakalo okanye ungqubano olungalunganga okanye ilishwa lo Mthetho' ubandakanya imimiselo;
ukukhululwa kwisilingo' kuthetha ukukhululwa ngengcamngco ngezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo zibe kokusingqongileyo kube phandle phantsi kweemeko apho amaqondo osasazo ezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo kunomda ngenxa yamachiza okanye izithintelo ezibonakalayo okanye ngezithintelo ezakhelwe ngaphakathi ezinqanda ukuphila kwaloo nto iphilayo kokusingqongileyo;
umsebenzisi' uthetha nayiphi na into edaliweyo okanye umntu wasemthethweni okanye iziko elithembakeleyo ekusebenziseni izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo ziphinde futhi zibandakanye umntu ogqibeleyo ukuyisebenzisa okanye umsebenzisi wezinto.
inkcitho' ithetha nantonina, enjengegesi, engamanzi okanye eqinileyo okanye ukuhlanganiswa kwazo naziphina kuzo, loo nto ithethe ukuthi, kwingcinga zomntu okwindawo yakhe okanye phantsi kolawulo lwakhe ayinqweneleki okanye igqithisile ngesiveliso esilisolotya, ngokuphuma, ngentsalela okanye into eshiyekileyo yayo nayiphina inkqubo okanye umsebenzi odibene nezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo.
a15y1997s22 Ukusetyenziswa koMthetho
Lo Mthetho uza kusetyenziswa kwi-
zinto eziphilileyo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
kuphuhliso, imveliso, ukhululo, usetyenziso nokusebenzisa izinto eziphilileyo ezinakho ukuguqulwa yimvelo( ezibandakanya iintsholongwane ezincinane kakhulu neebhaktiriyofeyiji); na-
ekusetyenzisweni konyango lwento efumaneka eselini elawula imo.
Lo Mthetho awunakusebenza kubuchule-
obubandakanya unyango lwento efumaneka eselini elawula imo emntwini apho iimoletyuli zeDNA ziphinda zihlanganiswe okanye izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimveli zisetyenzisiwe -
kuqhanyiso lwangaphakathi ebantwini nasezilwanyaneni kwizimo zezenzi, kutshintshelwano lweDNA evela kwenye intsholongwane ithintshelwe kwenye, inguqulo okanye nayiphi na inkqubo eyindalo; na kwinto emilayo enokufikelela kwisiphumo ngokuthelekelela ngezinye izinto ezaziwayo apho izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo njengomamkeli okanye into ephilayo engumzali zithi zingasetyenziswa -
kwisithunywa senguquko;
a15y1997s33 IsiGqeba seBhunga sezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo kukho ukuzinziswa kwebhunga eliza kwaziwa njenge siGqeba seBhunga sezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo, esiza kuba namalungu angekho ngaphezulu kwesibhozo onyulwe nguMphathiswa
ISebe lezoLimo
ISebe loBugcisa, iNkcubeko, iNzululwazi noLwazi ngoBugcisa Jikelele;
ISebe lemicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho;
ISebe lezeMpilo
ISebe lezeMisebenzi
ISebe loRhwebo noShishino,
Ngubani ekufuneka enolwazi lwezinto ezirheshiweyo zezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo ngokubhekiselele kwicandelo elimelwe lisebe lakhe;
b iza kubandakanya umhlali ngaphambili weKomiti; na c inokubandakanya nawuphi na omnye umntu.
uMphathiswa uya konyula umhlali ngaphambili nesekela mhlali ngaphambili kwalapha kumalungu eBhunga.
Isekela mhlali ngaphambili liya kusebenzisa onke amandla lisebenze yonke imisebenzi kamhlali ngaphambili nokuba umhlali ngaphambili akanako ukuyenza loo nto.
a15y1997s44 Iinjongo zeBhunga
IBhunga liza kucebisa uMphathiswa kuzo zonke izinto ezimalunga nophuhliso, imveliso, ukusebenzisa okanye ukusetyenziswa nokukhululwa kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo, nokuqinisekisa ukuba yonke imisebenzi ebhekiselele kuphuhliso, imveliso,usebenziso, ukusetyenziswa nokukhululwa kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo zenziwa ngokungqinelana namalungiselelo alo Mthetho.
a15y1997s55 Amandla nemisebenzi yeBhunga
Ukwenzela sizuze iinjongo zalo, iBhunga linga-
cela nawuphina umceli imvume yokusebenzisa ubuchule bokuphuhlisa,ukuvelisa,ukusebenza okanye ukusetyenziswa kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo okanye ukukhulula ezinjengezinto eziphilayo kokusingqongileyo, ukungenisa eBhungeni ngerejista, ukuvavanya ubungozi apho kuyimfuneko, ukuvavanya amandla okungqubana kokusingqongileyo kolophuhliso, kuloo mveliso,kokokusebenza, kokokusetyenziswa okanye kolo khululo, xa ngaba kunganjalo;
cela umgcini zincwadi zerejista ahlole isivumelwano sesicelo ngokwemfuno zoMthetho;
cela umgcini zincwadi zerejista agcine irejista yabo bonke ubuchule obubandakanyekayo kugcino lokusebenzisa okanye kwinzame zokhululo lwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo kunye namagama needilesi zabantu abanxulumana nogcino lokusebenzisa okanye inzame zokhululo lwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
cela ukwaziswa ngumceli ngayo nayiphi na into afuna ukuyitshintsha kuhlobo lwemisebenzi okanye akhulule izinto eziphilayo ezinokuguqulwa yimveli ezibandakanyekayo ezithatyathwe kubuchule apho imvume inikeziwe kumhlathi (g), apho iBhunga linokufuna umceli acele imvume entsha;
cela umgcini zincwadi zerejista acwangcise ukuhlolwa ngumhloli wobuchule apho imisebenzi okanye ukhululo lwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo zithathelwe ingqalelo;
cela umgcini zincwadi zerejista acwangcisele ukuhlolwa kwayo yonke imisebenzi njengoko anokucinga ukuba kuyimfuneko, ebandakanya ukugcinwa usebenza, ulingwa ukhululwa nokukhululwa jikelele ukuqinisekisa ukuba onke amagama neemeko zincanyatheliswa kwimvume ekhutshiweyo ngaphantsi kwalo Mthetho equlunqwe nawo;
emva kokuthathela ingqalelo ingozi yokuvavanya,nalapho kuyimfuneko, ungqubano lovavanyo lokusingqongileyo olubhekiselele kumhlathi (a), nokucebisana neKomiti, kuvuma izinto ezimalunga namalungiselelo waloMthetho nawo nawuphi na omnye umthetho nangokungqinelana naloo magama nezomeko njengoko iBhunga linokuyicinga ukuba kuyimfuneko, ukusetyenziswa kobuchule obuthathelwe ingqalelo ngenjongo yesicelo esasenziwe, okanye ukukhululwa kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo zibe kokusingqongileyo, unikezelo legunya ukuba umgcini zincwadi zerejista akhuphe imvume kananjalo;
cela ukuba umsebenzisi azise umgcini zincwadi ngokukhawuleza ngazo zombini, ngomlomo nangokubhala ngaso nasiphina isiganeko esibandakanya izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo ucele ukuba umgcini zincwadi zerejista anikezwe ulwazi ngezinto eziqhubeke kuloo ngozi, uphawu nomlinganiselo okhululwe zizinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimveli, naluphina ulwazi oluyimfuneko ukuvavanya ukungqubana kokwenzeka kwengozi kokusingqongileyo nakumlinganiselo wengxakeko othatyathwe ekuphepheni okanye ekuthomalaliseni nokuphina ukungqubana okungalunganga kwengozi ezinjalo kokusingqongileyo;
ii cela umgcini zincwadi zerejista onyule iphaneli ekuza kubuzwa kuyo inike ingxelo ngonobangela wengozi, yenze izincomo kuMphathiswa ngenjongo zokuphepha iingozi ezifanayo kwixesha elizayo nangenjongo yokunyina ungqubano olungalunganga kwigozi ezinjalo;
yazisa nokuba leliphina elinye ilizwe ngayo nayiphina ingozi elinokubanayo yokungqubana kwelo lizwe nokukungqongileyo;
sebenzisana okanye fikelela kwizigqibo naye nawuphina umntu okanye iziko eliphezu kwezo meko njengeBhunga kunye nomntu okanye iziko onxulumana nalo phezu kwezo zigqibo;
xhasa intsebenziswano phakathi kweRiphabliki nelinye ilizwe ngokubhekiselele kuphando, uphuhliso notshintsho lolwazi ngobugcisa jikelele kwindima yezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
ngemvume yoMphathiswa vuma upapashe imigaqo yayo yonke imisebenzi yezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo cebisa uMphathiswa kwezi-
ii ekugunyazisweni nasekusetyenzisweni kolawulo olufunekayo lwempahla evela ngaphandle iii uphuhliso, imveliso, usebenziso, usetyenziso, ukhululo, nokwabiwa kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
v ugunyaziso lokulingwa okanye ukukhululwa nje;
vi imilinganiselo yolawulo enokuthatyathwa kwisithuba sengozi;
vii nayiphi na into ebhekiselele kwizinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
yenza izincomo kuMphathiswa ngolonyulo lwamalungu eKomiti.
a15y1997s66 Izithuba eBhungeni
Isithuba eBhungeni siyakwenzeka xa ilungu-
lingekho ngaphandle kwemvume ukusukela kwintlanganiso zeBhunga ezi ngaphezulu kwesithathu zilandelelana lirhoxile;
lisusiwe e-ofisini ngenxa yecandelwana ;
lisweleka
UMphathiswa nangaliphi na ithuba angalisusa ilungu leBhunga e-ofisini ukuba uMphathiswa unenjongo zokuba elo lungu alisawazi umsebenzi walo ukugcwalisa i-ofisi okanye ukuba alikwazi kuziphatha.
Isithuba eBhungeni siyakugcwaliswa kangangoko kunokwenziwa ngokuvumelana necandelo 3.
Naninina uMphathiswa onelisekile kukuba naliphi na ilungu leBhunga linqandwa kukugula okanye nasiphi na isizathu ekusebenzeni imisebenzi yalo ye-ofisi, uMphathiswa angonyula nabanina amcingayo ukuba ukufanele ukwenza njengesekela lelo lungu ekubeni elo lungu lithintelwe, yaye elo sekela linjalo ngelo xesha liza kube lisenza, lisebenza imisebenzi yelungu endaweni yelo libekelwe ukuba lenze: Ngaphandle kokuba loo mntu wonyulwe njengesekela mgcini sihlalo okanye usekela mgcini sihlalo uya kwenza kuphela imisebenzi yelungu nje, ngaphandleni kokuba uMphathiswa umnike imiyalelo.
a15y1997s77 Iintlanganiso zeBhunga
Iintlanganiso zeBhunga ziyakubanjwa ngaloo maxesha nakwezondawo njengoko umhlali ngaphambili echaza ngamaxesha onke: Ngaphandleni kokuba intlanganiso yokuqala iyakubanjwa ngexesha nakwindawo echazwe nguMphathiswa.
Ikhoram yayo nayiphi na intlanganiso yeBhunga funeka ibe luninzi lwamalungu.
Isigqibo seBhunga siyakufikelelwa kwisiseko sesivumelwano.
IBhunga lingachaza inkqubo zalo emazilandelwe ezintlanganisweni zalo benze ukuba imizuzu yengxelo igcinwe
IBhunga lingamkela abanye abantu abaziwayo njengamalungu ukunceda iBhunga khon'ukuze licebise iBhunga naninina iBhunga libona kuyimfuneko.
IBhunga lingamema amagqabantshintshi abhaliweyo avela kubantu abaziwayo nakuyo nayiphina inkangeleko yokuguqulwa yimvelo ehleli phakathi kwizishwankathelo zeBhunga.
a15y1997s88 Ukuqeshwa komgcini zincwadi zerejista a Ngokukhawuleza emva kolakhiwo leBhunga yaye naninina apho kuyimfuneko emva koko uMphathiswa uza , emva kokucebisana neBhunga, uya konyula umntu oyifaneleyo nofanelekileyo nonamava njengomgcini zincwadi zerejista.
Ukuqeshwa phantsi komhlathi (a)-
uyakunqunyanyiswa ukuba umntu uyarhoxa njengomgcini zincwadi zerejista anganqunyanyiswa nguMphathiswa ukuba umgcini zincwadi zerejista akawenzi kakuhle umsebenzi wakhe ngokwanelisayo.
Umgcini zincwadi zerejista-
ubekwa ityala ngolawulo lwalo Mthetho;
angawasebenzisa amandla anjengalawo enze loo misebenzi ayalelwe yona okanye agunyaziswe okanye abelwe yona ngu-okanye phantsi kwalo Mthetho okanye liBhunga.
Naninina umgcini zincwadi zerejista engekho emsebenzini nangasiphi na isizathu okanye engakwazi ukwenza umsebenzi wakhe, okanye naninina kukho isithuba esivelayo e-ofisini yomgcini zincwadi zerejista, iBhunga lingonyula ilungu lesitafu salo libambele kwela nqanaba de umgcini zincwadi zerejista aqalise kwakho imisebenzi yakhe, okanye umgcini zincwadi zerejista uyonyulwa ngenxa yecandelwana , nokuba ilungu lina loo mandla ngexesha libambele yaye liza kusebenza lemisebenzi yomgcini zincwadi zerejista njengoko liyalelwe okanye lonyuliwe liBhunga.
Nayiphina intshukumo yomgcini zincwadi zerejista engathi nangaliphina ixesha unokurhoxiswa okanye abuyiselwe nguMphathiswa.
UMlawuli-Jikelele uyakonyula, ngokulungiselelwa nguMthetho weNkonzo zikaWonke -wonke (isaziso 103 sika -1994), njengokuba abasebenzi zi-ofisini abaninzi besebe xa ngaba kungayimfuneko bancedise umgcini zincwadi ekuxhamleni amandla wakhe nasekusebenzeni imisebenzi yakhe.
a15y1997s99 Imisebenzi yomgcini zincwadi zerejista
Umgcini zincwadi zerejista uyakuthi, axhomekeke kwimiyalelo nakwimeko ezibekwe phantsi liBhunga-
uyakukhupha imvume njengoko ifunwa okanye ichaziwe phantsi kwalo Mthetho;
apho aqononondisayo okanye akrokrela kwizizathu ezibonakalayo ukuba izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo zivela kwamanye amazwe okanye zenziwe kwalapha okanye zisetyenziswe nxaxhileyo ngokolungiselelo lalo Mthetho okanye kwiimeko zemvume ezikhutshiweyo ngaphantsi koko-
khonza isaziso kuye nawuphi na umntu onganguye okanye omele izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo ezithengwa kwamanye amazwe, ziveliswa okanye zisetyenziswa kwiRiphabliki ukususa izinto ezinjengezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo endaweni okanye kubuchule obukwimeko echaziweyo liBhunga;
gunyazisa umhloli ukuba amoshe izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo okanye izenze zimoshakale, ngokwe migaqo-nkqubo namanye amalungiselelo njengoko ekhutshiwe kulo Mthetho;
faka umbandela okanye rhoxisa imvume ekhutshiweyo phantsi kwalo Mthetho;
xhobisa umhloli ngesiqinisekiso sokuqeshwa;
funa ukuyeka nawuphi na umsebenzi wento enakho ukuguqulwa yimvelo kubuchule apho amalungiselelo alo Mthetho okanye iimeko zemvume zingabinayo okanye zingaqokelelwanga nazo;
qinisekisa ukuba imilinganiselo eyiyo ithathwa ngabo bonke abasebenzisi ngawo onke amaxesha ngembono yokukhusela okusingqongileyo ezingozini.
a15y1997s1010 IKomiti eCebisayo
Kukho ukuzinziswa kweKomiti yokuCebisana eyakuba nabantu abangagqithanga eshumini abonyulwa nguMphathiswa emva kokunconywa libhunga kangangexesha elingagqithanga kwiminyaka emihlanu hayi ngaphezu kwamalungu asibhozo ayakukwaziswa abantu kwindawo zenzululwazi esetyenziswa kuphuhliso nokhululo lwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo.
Abantu ababini bayakusuka kwicandelo likawonke-wonke bayakuba nolwazi lokufunda ngezinto eziphilileyo malunga nendawo eziphila kuyo nangezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo.
IBhunga liya kuncoma amalungu anyuliweyo eKomitini, inzame zokuzuza umelo oluvela kuzo zonke iindawo zobuncutshe ezibandakanywa nezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo.
UMphathiswa emva kwezincomo zeBhunga uyakonyula nokuba liliphi na ilungu leKomiti njengomgcini sihlalo
Ukungabikho kukamgcini sihlalo amalungu ashiyekileyo eKomiti ayakonyula ibambela mgcini sihlalo kwinani labo
Ibambela mgcini sihlalo liya kuwasebenzisa onke amandla lenze yonke imisebenzi kamgcini sihlalo naninina umgcini sihlalo engenakho ukwenza oko.
Ilungu lekomiti elinexesha eliphelileyo le-ofisi liya konyulwa ukubuyiselwa kwakho a15y1997s1111 Imisebenzi yeKomiti
kwenza njengesiqu esicebisayo sesizwe kuzo zonke izinto eziphathelele okanye ezinxulumene nezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
cebisa, ngokucelwa okanye ngokungqinelana kwayo, uMphathiswa, iBhunga, abanye abaPhathiswa nezinye iziqu ezifanelekileyo, kwizinto eziphathelele kwizinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo yaye, phakathi kwezinye izinto, zibacebise-
kuzo zonke iimbonakalo ezinxulumene kwintshayelelo yezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo zibe kokusingqongileyo;
kwizicelo zemisebenzi eyodwa okanye iinkqubo zexeshana eziphathelele kwizinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
kuzo zonke iimbonakalo eziphathelele kusebenzo olugciniweyo lwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo kuthengo lwezinto ezivela kwamanye amazwe nokuthumela kwamanye amazwe kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo; na kwisicelo semimiselo nasekubhalweni kwemigaqo-nkqubo;
Manyanisa, ngokuphathelele kumasebe esizwe, namaqela ezizwe okanye imibutho ephathelelene nokhuseleko lwebhayoloji; na
Mema iingxelo ezibhaliweyo kubantu abaziyo kuyo nayiphi na into ephathelelene nezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo ezibekwe phakathi kwingxelo yeKomiti.
IKomiti ingonyula iikomitana ukusebenza ngezinto ezizodwa njengoko kuyimfuneko.
a15y1997s1212 Ingxowa -mali
Kumalungu eKomiti, amalungu eekomitana nakwilungu ekubhekiselelwe kulo kwicandelo 3 (c) ayakubhatalwa loo mivuzo ngokoMphathiswa, ngesivumelwano soMphathiswa wezeMali, anokuyimisa.
IKomiti ngonyaka ingangqinelana nesebe lenkqubo lengqiqo-mali neliya kungenisa uqiqo-mali kwiBhunga.
a15y1997s1313 Imbambano yenzala
Umntu owonyulelwe ekomitini uyakukwala ukurhoxa ngokukhawuleza okanye njengelungu lekomiti ukuba into engundoqo isemcimbini apho anecala okanye angenamdla upheleleyo okanye ukuba nangasiphina isizathu kukho okanye enokuba yimbambano yenzala ngenxa yokuthatha kwakhe inxaxheba kwinkqubo zeKomiti.
a15y1997s1414 Ukwalela imisebenzi enxulumene nezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo
UMphathiswa ngokunconywa liBhunga, ngesaziso kwiGazethi eyalela nawuphi umsebenzi obandakanya izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo.
a15y1997s1515 Abahloli
Umhloli ngamnye uya kuxhotyiswangesiqinisekiso esisayinwe ngumgcini zincwadi zerejista echaza ukuba wonyulwe njengomhloli ngaphantsi koMthetho.
Umhloli ngesicelo saye namphi na umntu okhathazwa kukuziqhelisa okanye ukwenza umsebenzi ngumhloli onjalo,uya kubonisa ngesiqinisekiso ekubhekiselelwe kuso kwicandelwana kuloo mntu.
Umhloli ngokugunyaziswa kwesiqinisekiso esikhutshwe ngokwecandelwana uya kukhokhela uphando ukuqinisekisa ukuba amalungiselelo alo Mthetho ayenziwa okanye aqulunqiwe yaye futhi ngaloo njongo ngexesha leeyure ze-ofisi lesiqhelo nangaphandle kokunikela isaziso kuqala, angena nakweyiphi na indawo okanye kubuchule ngokuhlonipha ukuba ngaba unesizathu sokukholelwa ukuba ukuchasa amalungiselelo alo Mthetho ayaqhubekeka-
ukuhlola nawuphi umsebenzi okanye inkqubo eyenziwayo ngaphakathi okanye kwindawo ezinjalo okanye ubuchule obudityaniswe nayo nayiphi imisebenzi ekubhekiselelwe kuyo kulo Mthetho;
ukucelwa kwalo naluphina ulwazi olubhekiselele kwimisebenzi enjalo okanye iinkqubo ezivela kumninizo okanye umntu ophetheyo kuloo ndawo okanye ubuchule okanye nakowuphina umntu osebenza ngayo okanye ophathiswe ukuba asebenze loo misebenzi;
ukuthimba nasiphina isixhobo, incwadi, ingxelo okanye uxwebhu olubhaliweyo, athathe imizekelo yezixhobo okanye izinto ezibonakala zibonisa ubungqina bokuchasa nawaphina amalungiselelo alo Mthetho; na ukunika isaziso kumniniso nasiphina isixhobo, into, isixhobo incwadi, ingxelo okanye uxwebhu olubhaliweyo oluthinjwe ngaphantsi komhlathi (c) okanye evela nakowuphina umntu onolawulo kuyo ngokukhawuleza phambi kokuhlasela ngaphantsi komhlathana (c) ukususa izinto ezithinjiweyo kwabo bantu baxabisa ngokwabo ngexeshana nakwindawo echaziweyo kweso saziso.
a Isiqinisekiso ekubhekiselelwe kuso kwicandelwana 4 siyakukhutshwa ngumantyi onolawulo lezobulungisa kulo ndawo apho indawo okanye ubuchule obusembuzweni buhleli khona, yaye iya kukhutshwa kuphela ukuba ibonakala kulwazi olukwisifungo ukuba kukho izizathu zokuba ukholelwe ukuba nasiphina isixhobo, into, isixhobo,incwadi, ingxelo okanye uxwebhu olubhaliweyo enolikunxulumana nokuchasa lo Mthetho ungaphezu okanye ukuloo ndawo okanye ubuchule.
Isiqinisekiso esikhutshwe ngokwelicandelo fanele ukuba senziwe ngobungqongqo xa kubhekiselelwe kwimpatho ntle nokulungisa.
a Ukuba akukho nkqubo zalwaphulo-mthetho luqaliswayo ngokunxulumene nayo nayiphina into ekubhekiselelwe kuyo kwicandelwana 5 a, ukuchasana kwezinto kwicandelwana 4, okanye ukuba ibonakalisa ukuba izinto ezinjalo azifuneki nakokuphina ukulingwa ngenjongo yobungqina okanye ngesindululo senkundla, loo nto iyakubuyiselwa ngokukhawuleza emntwini eyayithinjwe kuye.
Emva kwesiphelo senkqubo yolwaphulo-mthetho nayiphina into ethinjiweyo ngokoMthetho okwicandelwano osebenza njengesiboniso kwinkqubo apho umntu ebegwetyiwe, ezakunikezelwa kumhloli ukuba atshatyalaliswe okanye kusetyenzwe ngaye njengoko kuyalelwe ngumgcini zincwadi zerejista.
a15y1997s1616 Uhlolo lwesiqhelo ngabahloli
Umhloli ngamaxesha e-ofisi ngaphandle kwesiqinisekiso angangena naphina okanye enze ubuchule berejista ngokoMthetho khon'ukuze-
avule nasiphina isikhongozelo asifumanayo ngaphakathi okanye ngaphezu kwalo ndawo okanye ubuchule nalapho umhloli akholelwa kwizizathu zokugcina izixhobo zayo nayiphina into ephilayo enakho ukuguqulwa yimvelo;
xilonga izixhobo zayo nayiphina into ephilayo enakho ukuguqulwa yimvelo ithathe imizekelo yayo;
hlola nawuphina umsebenzi okanye inkqubo eyenziweyo ngaphakathi okanye ngaphezu kwendawo okanye kubuchule obudibanisa nezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo; na funa umnini okanye umhlali ukwenzela ukuvelisela uhlolo okanye injongo yokuzuza iikopi okanye izicatshulwa, ezo okanye ezivela nakuyiphina incwadi, kumthetho oyilwayo wokuleyibhelisha inqanawa zonke zendawo ethile, uluhlu lwempahla yomthwalo wenqanawa okanye olunye uxwebhu ngentlonelo kulawulo lwalo Mthetho.
Abasebenzisi bayakuqinisekisa ukuba imilinganiselo efanelekileyo ithathelwa ingqalelo ukunqanda ungquzulwano olungalunganga kokusingqongileyo olunokuvumbuluka ekusetyenzisweni kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo.
Imfanelo yokumoshwa okubangelwa kukusebenzisa okanye ukukhululwa kwento ephilayo enakho ukuguqulwa yimvelo iya kuthwalwa ngumsebenzisi ekubhekiselelwe kuye: Ngaphandleni kokuba xa loo nto iphilayo ibe ikwindawo yomhloli njengoko itshiwo kwicandelo 15 , umsebenzisi ekubhekiselelwe kuye ngelo xesha waloo msebenzi okanye wesosikhululwa akamakufunyaniswa enemfanelo zako nakuphina ukumoshakala ngaphandleni kokuba loo msebenzisi wabona ngenx'engaphambili okanye ubone ngexa elingaphambili loo mosharha naye wamosha okanye ube enokuyinqanda loo mosharha kodwa akabinako wafelisha ukuthabatha izizathu ezincedayo ukunqanda loo mosharha.
a15y1997s1818 Ukuthemba abanye
Akukho mntu ufanele abhentsise naluphina ulwazi olufunyanwa nguye ekuziqhelaniseni namandla akhe okanye izenzo zemisebenzi yakhe ngokwalo Mthetho, ngaphandle-
kude kube ngoku njengoko kuyimfuneko yesicelo esifanelekileyo samalungiselelo alo Mthetho;
ukwenzela iinjongo zazo naziphina iinkqubo zasemthethweni ngaphantsi kwalo Mthetho;
xa uyalelwe ukuba wenze oko yiyo nayiphina inkundla enolwazi ; okanye ukuba ugunyazisiwe ukwenza oko nguMphathiswa.
IBhunga liya kugqiba ,emva kokucebisana nomceli, ukuba loluphi ulwazi oluya kugcinwa lulihlebo yaye oluya kwazisa umceli ngezigqibo zalo: Ngaphandleni kokuba olu lwazi lulandelayo alunakugcinwa lulihlebo-
inkcazelo yezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo, igama nedilesi yomceli, nenjongo yokugcinwa kosetyenziso okanye ukhululo nalapho usetyenziso lubekwe khona;
iindlela noyilo yokongamela izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo nakwimilinganiselo yengxakeko ngethuba lengozi; na kuvavanyo lwenx'engaphambili yongqubano, ngokukodwa ngayo nayiphina inzululwazi ngezifo zento yemvelo okanye ungqubano olungakhiyo lweezifundo ngezinto eziphilayo namalunga nendawo eziphila kuyo
Nangona amalungiselelo ecandelwana , iBhunga emva kokucebisana nomceli yaye ukuba iBhunga liyoneliseka phantsi kwemeko zokuba ulwazi olugqithiselwe ngumceli ukuba ulwazi oluthile fanele lufihlwe ukwenzela ukukhusela ingqondo yobumnini yomceli, kufihlwe olo lwazi de ibe lelo xesha lufuneka ngalo ukukhusela loo malungelo.
Ukuba nangasiphina isizathu, umceli uyasirhoxisa isicelo sakhe , naliphina iqela elinolwazi ngenkcukacha zesicelo makahloniphe ukuthemba abanye ngolwazi olunikiweyo.
a15y1997s1919 Izibheno
Umntu oziva ehlungisiwe siso nasiphina isigqibo okanye isenzo esithathwe liBhunga , umgcini zincwadi zerejista okanye umhloli ngokwalo Mthetho angathi ngexeshana nangokohlobo oluchaziweyo nakwintlawulo yemali echaziweyo, abhene ngokuchaseneyo nesosigqibo okanye isenzo kuMphathiswa, owonyula ibhodi yezibheno ngenjongo yesibheno ekubhekiselelwe kuso.
a Ibhodi yesibheno iya kuba nomntu okanye abantu abaya kuba nezimvo zoMphathiswa, abanolwazi bobucwepheshe nabafanelekileyo ekugqibeni imicimbi yesibheno ekubhekiselelwe kuyo.
bUkuba ibhodi yesibheno inabantu abangaphezulu kwesinye abonyuliweyo, uMphathiswa uyakonyula abemnye kumalungu njengomgcini-sihlalo waloo bhodi yesibheno.
cUmntu owonyulwe phantsi komhlathi a uyakuphinda arhoxe njengelungu lebhodi yesibheno ukuba unomdla othe ngqo okanye ongathanga ngqo kuloo nto yesibheno okanye ukuba unesinye isizathu, kukho okanye kungakho ukruthakruthwano lwemidla ngenxa yenxaxheba kwinkqubo zebhodi yesibheno.
Kungakho ukubhatalwa kwilungu lebhodi yesibheno elingekho ngqeshweni ipheleleyo nguRhulumente, kwimali efanelekileyo yePalamente ukulungiselela izinto ezinjalo, loo mivuzo okanye ezo mali zivunyelweyo nguMphathiswa ngesivumelwano soMphathiswa wezeMali unokusimisa.
Ibhodi yesibheno inga-
qinisekisa, ibekele ecaleni okanye ilungise isigqibo okanye isenzo esinxulumanayo esiyintloko yesibheno;
bhekiselela eyona nto ifanelekileyo kumgcini zincwadi zerejista ukuba iBhunga liphinde liyicinge; okanye yenza into eyenye njengoko linokuyicingela ngokuthi ncam.
Ukuba isigqibo okanye isenzo esiyintloko sesibheno-
sibekelwe bucala, imali ebhekiselele kwicandelwana iyakubuyiselwa kumbheni enxulumene naye silungise, eso sahlulo semali ebhekiselele kwicandelwana njengoko ibhodi yesibheno enxulumene naye ingatsho, iyakubuyiselwa kumbheni
Isigqibo sebhodi yesibheno, kunye nezizathu zayo, ziyakuncitshiselwa ekubhaleni, ize iikopi emva koko zixhotyiswe uMphathiswa, emva koko uMphathiswa angathatha amanye amanyathelo njengoko enokukucinga okuyimfuneko a15y1997s2020 Imimiselo uMphathiswa angenza imimiselo-
ngokuphathelele kwizicelo nokukhutshwa kwemvume ngokwalo Mthetho;
ukumisela inkqubo emayilandelwe ngumceli ngenjongo yokutsala ingozi zokuvavanya nezokungqubana kovavanyo lokusingqongileyo ukuthobela iBhunga ngokwalo Mthetho;
ukumisela imali emayibhatalwe malunga naso nasiphina isicelo, into okanye uxwebhu olubhaliweyo;
ngokuphathelele ekuhlelweni nakwiintlobo zezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
ngokuphathelele kwiimfuno kusetyenzo olugciniweyo lwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
ngokuphathelele kwiimfuno zophuhliso lwelebhu zezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
ngokuphathelele kumanqanaba apho ubuchule bemisebenzi obu bandakanya izinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo xa zinokuqhelaniswa;
ngokuphathelele kwiimfuno zokulingwa ukhululo lwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
ngokuphathelele kwiimfuno zolawulo olusebenzayo lwenkcitho;
ngokuphathelele kulwazi ekufuneka lungeniswe kwiBhunga endaweni yesaziso ngokwalo Mthetho;
ngokuphathelele kwiimfuno kukhululo jikelele nakurhwebo lwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
ngokuphathelele kuthengo kwamanye amazwe zingeniswe elizweni nasekuthumeleni kwelinye ilizwe kwezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo;
ngokuphathelele kubhaliso lwendawo okanye ubuchule apho imisebenzi enxulumene nezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo inokwamkelwa;
ukumisela-
indlela yokuziphatha nexesha langaphakathi apho isibheno fanele sihlaliswe ngaphantsi kwecandelo 18;
imali ebhatalwayo malunga neso sibheno;
inkqubo kwinkqubo zebhodi yesibheno; na ixesha langaphakathi apho ibhodiyesibheno inokwenza isigqibo ngesibheno;
ukumisela imilinganiselo yolawulo eyakuvumelana nayo ngumsebenzisi;
ngokuphathelele kwiiklasi zezinto eziphilayo ezinakho ukuguqulwa yimvelo ezikhululwe kulawulo oluphantsi kwalo Mthetho; na ngokunxulumana, ngokudla ngoku, nayiphina into ayifumanisa iyimfuneko okanye encedayo ukumisa ukwenzela ukuba izinto zalo Mthetho zingaphunyelelwa ngcono, umthetho jikelele wamandla okucetyiswa ngulo mhlathi ongekho mncinane ngamalungiselelo emihlathi eyandulelayo
Nayiphina imimiselo eyenziwe phantsi kwecandelwana 1 inganikeza ukuba nawuphina umntu ochasa okanye ongaphumeleliyo ukuvumelana namalungiselelo emva koko, uyakuba netyala lokukhubekisa abe nemfanelo ekugwetyweni kwisohlwayo, okanye afakwe entolongweni kangangexesha elingadlalanga kwiminyaka emibini.
a15y1997s2121 Amatyala nezohlwayo
Nawuphina umntu -
ochasana okanye ongaphumeleliyo ukuvumelana nazo naziphi iimeko, ukunyinwa, ukwalela, ukugcina okanye umgaqo obekiweyo okanye okhutshwe ngokwalo Mthetho;
othintelayo okanye onqanda nawuphina umhloli ekuziqhelaniseni namandla akhe okanye ekwenzeni imisebenzi yakhe ngokwalo Mthetho okanye ongafuniyo ukuxhobisa ngolwazi njengoko lufuneka kumgcini zincwadi zerejista ngokwalo Mthetho;
ongafuniyo okanye ongaphumeleliyo ukuxhobisa ngolwazi okanye anike ingcaciso okanye aphendule kwelona nqanaba anakho ukuba nalo kumbuzo obangwa ngokusemthethweni okanye obuzwa kuye ngumhloli ekwenzeni kwakhe imisebenzi ngokwalo Mthetho, okanye ulwazi oluxhotyisiweyo, ingcaciso okanye impendulo kuye nawuphi umhloli elixoki okanye elahlekisayo, esazi ukuba asiyonyani okanye iyalahlekisa; okanye ozibambe ngokungeyonyaniso azenze umhloli okanye nayiphina i-ofisa eyonyuliweyo ngokwalo Mthetho;
Nawuphina umntu ogwetywelwa ityala ngaphantsi kwalo Mthetho, uza-
kwisigwebo sokuqala uza kuba nemfanelo kwisohlwayo,okanye ekufakweni entolongweni ixesha elingadlulanga kwiminyaka emibini; na kokwesibini okanye nakwizigwebo ezilandelelanayo uyakuba nemfanelo kwisohlwayo, okanyeekufakweni entolongweni ixesha elingadlulanga kwiminyaka emine.
Nangona nantonina echaseneyo naye nawuphi umthetho ogciniweyo, inkundla kamantyi iyakuba nolwazi ukubeka nasiphina isohlwayo okanye yenze nayiphina indlela ukumisela ngalo Mthetho.
a15y1997s2222 Ukuthunyelwa kwamagunya
Umphathiswa ngokunyanzelwa ziimeko njengoko enokutsho ngokubhala isigunyazisi naliphina igunya elixoxwe ekhona ngulo Mthetho, ngaphandleni kokuba igunya ekubhekiselelwe kulo kwicandelo 20, kwi-ofisa eqeshwe lisebe, kodwa awunakuguzulwa naliphina igunya elithunyelweyo yaye ufake umbandela okanye ubeke bucala naso nasiphi isigqibo sogunyaziso olwenziwe ekuziqhelaniseni naloo magunya.
a15y1997s2323 Isihloko esifutshane nesiqalo
